32 Xa unokuhamba nathi siya kuyixhamla kunye inyhweba yentlala-kahle asibabala ngayo uNdikhoyo.”
33 Ukuyishiya kwawo amaSirayeli loo ntaba ingcwele, iSinayi, ahamba iintsuku ezintathu. Ke yona ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayisoloko ihamba phambili, ibakhangelela indawo yokuphumla.
34 Nanini na benduluka ilifu likaNdikhoyo lalijinga phezu kwabo.
35 Xa iphumayo ityesi yomnqophiso uMosis wayedanduluka athi:“Hoyina, Ndikhoyo,vuka wenz' iziqwenga,uzichitha-chithe iintshaba zakho,ubaswantsulise abakuthiyileyo!”
36 Apho iphumla khona ke uMosis wayesithi:“Khawubuye, Ndikhoyo,ufukame phakathi kwamawaka-waka akwaSirayeli!”