8 “Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.
9 “Xa kuthe kwafuneka ukuba nihlasele isizwe esinitshutshisayo kwelakowenu, vakalisani ngexilongo ukuba ilizwe lifile. Ke mna Ndikhoyo, Thixo wenu, ndoba ngakuni, ndinihlangule kwezo ntshaba.
10 Kanti ke nangamathuba emibhiyozo – ukuthwasa kwenyanga nangamaxesha amatheko – hlokomisani amaxilongo xa nisenza amadini atshiswayo nawobudlelwana; aya kundikhumbuza ngani; kaloku ndinguNdikhoyo, uThixo wenu.”
11 Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yesibini yonyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa, ilifu *elalisesibingelelweni lacombuluka laphakama.
12 AmaSirayeli ke afuduka ev' endleleni, ayishiya intlango yeSinayi. Ke kaloku ilifu elo lahamba laza lafika lafukama kwintlango yeParan.
13 Aqala ke ngoku amaSirayeli ahamba ngamabanga ngokweziyalo *zikaNdikhoyo kuMosis.
14 Maxa onke amabutho awo ayehlala ebambe ucwangco, etsho ngomngcelele. Abokuqala yaba ngabaphantsi kwembasa yendlu kaJuda, bengamabutho ngamabutho, bekhokelwa nguNashon unyana ka-Aminadabhi.