8 Ngoko ke yena ndithetha naye ubuso ngobuso, hayi ngezangotshe. Ewe, mna ngokwam ndiyazibonakalisa kuye. Hee! Ngani ke ukuba ningoyiki ukuthetha kakubi ngesicaka sam uMosis?”
9 Hayi ke, wavutha uNdikhoyo ngumsindo, wabashiya.
10 Lithe ke lona liphuma ilifu apho esibingelelweni waye uMiriyam selemhlophe wé sisifo solusu esikhwankqisayo. UAron uthe akumjonga wafumanisa ukuba simbophile esi sifo.
11 Kwangoko ke wajikela kuMosis, wambongoza wathi: “Camagu, nkosi yam! Ndiyakuthandaza; musa ukukhathazeka ngenxa yobutyhakala esibenzileyo.
12 Nqanda angade abe ngathi yinto ezelw' ifile selineenyama ezonakeleyo.”
13 Kwangoko ke uMosis wadanduluka kuNdikhoyo, wathi: “Camagu, Thixo wam, ndiyakubongoza, khawumphilise!”
14 UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.”