22 Angena eMazantsi aya kufika eHebron, apho kwakumi ama-Ahiman, namaSheshayi, namaTalmayi omlibo ka-Anaki. (IHebron le ke yayakhiwe kwiminyaka esixhenxe phambi kokwakhiwa kweZowan yaseJiputa.)
23 Iintlola ezo ke zaya kufikelela nakwintili ye-Eshkoli. Apha ke zakha isebe lomdiliya elalinesihlahla esinye seediliya. Labekwa esibondeni, laxwaywa ngamadoda amabini. Ngokunjalo zakha zaphatha neerharnati namakhiwane. (
24 Le ntili ke yathiywa igama elithi intili ye-Eshkoli ngenxa yeso sikhinkci seediliya iintlola ezo zasikhayo apho kuyo.)
25 Ezi ntlola ke zathatha amashumi amane eentsuku ziligocagoca elo lizwe, zaza ke zagoduka zaya
26 kuMosis noAron nebandla liphela lamaSirayeli eKadeshe kwintlango yaseParan. Zenza ingxelo ngezikubonileyo, zababonisa neziqhamo ezazize nazo.
27 Zathi kuMosis: “Elaa lizwe silikhangele, saza safumanisa ukuba lityebile, lilizwe lobisi nobusi. Khangela, nazi iziqhamo zakhona.
28 Kambe ke abantu balo ziingwanyalala, zaye ke nezixeko zabo zikhulu zinqatyisiwe. Ngaphezu koko ke nenzala ka-Anaki siyibone ngamehlo.