1 Ke kaloku ibandla liphela lamaSirayeli latsho ngesimbonono lakhala bonke obo busuku.
2 Ewe, uSirayeli wakhalaza kuMosis noAron, esithi: “Akwaba sasifele eJiputa, okanye sifele kule ntlango.
3 Ngani ukuba *uNdikhoyo asise kwilizwe elinjalo? Kuba kucacile ukuba siya kufel' emfazweni, baze abafazi nabantwana bethu babe ngamaxhoba. Anitsho nina ukuba kubhetele sibuyele kwaseJiputa?”
4 Baza ke bacebisana bathi: “Masizikhethele inkokheli yokusibuyisela eJiputa.”