1 *UNdikhoyo wathi kuMosis
2 makathethe namaSirayeli, athi: “Nakuba nifikile kwelo zwe ndininike lona ukuba libe lelenu,
3 kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo.
4 Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya,
5 ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo.
6 Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya,