15 Nakwizizukulwana ezizayo ke le miqathango soze ithini kumaSirayeli ngokunjalo nakubangeneleli. Kaloku ngokukaNdikhoyo akukho mahluko phakathi kwenu neentlanga.
16 Ewe, le mithetho nale miqathango inibandakanya nonke.”
17 UNdikhoyo wathi kuMosis
18 makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo,
19 xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo.
20 Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno.
21 Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”