17 UNdikhoyo wathi kuMosis
18 makathethe namaSirayeli, athi: “Nakufika kwilizwe endinisa kulo,
19 xa nisitya ukutya kwelo zwe, maze ninikele inxalenye kuNdikhoyo.
20 Kwisivuno sengqolowa iqebengwana lokuqala malinikelwe libe ngumnikelo wesivuno.
21 Apha ke nakwixa elizayo noqhuba njalo nenze umnikelo kuNdikhoyo womgubo wesivuno sokuqala.”
22 Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,
23 mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo: