22 Waqhuba wathi *uNdikhoyo: “Xa kwenzekile ukuba umntu othile ayaphule ngempazamo le miyalelo inikwe uMosis nguNdikhoyo,
23 mhlawumbi kwenzeke ukuba izizukulwana ezizayo zamaSirayeli ziyiphazame ngokungaqondi le miyalelo, koqhutywa ngolu hlobo:
24 Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono.
25 Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono.
26 Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.
27 “Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye.
28 Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe.