24 Ukuba loo mpazamo yenzeke ngokungaqondi kwebandla liphela, kofuneka kuthathwe inkunzi eselula yenkomo, kwenziwe idini elitshiswayo ngayo – dini elo ke lithandekayo kuNdikhoyo – likhatshwe ngokomgaqo ngumnikelo wokutya nothululwayo, kongezwe nenkunzi yebhokhwe, ibe lidini lesono.
25 Ngezi zinto umbingeleli uya kucamagushela ibandla lamaSirayeli, lize lixolelwe. Kaloku impazamo leyo yeyokungaqondi, ibe ke futhi elenzile idini ngomlilo elikwalidini lesono.
26 Ibandla liphela ndawonye nabangeneleli baya kuxolelwa, kuba kaloku xa bebonke iyababandakanya le mpazamo.
27 “Xa umntu one ngempazamo, makenze idini lesono ngethokazi lebhokhwe elinyaka mnye.
28 Umbingeleli uya kumngxengxezela phambi koNdikhoyo loo mntu wone ngempazamo, aze ke axolelwe.
29 Koqhutywa ngaloo ndlela ke nakubani na owone ngokungaqondi, noba ngowomthonyama, okanye umngeneleli.
30 “Kambe ke yena umntu owone ngabom, engowomthonyama okanye umngeneleli, woba netyala lokunyelisa uNdikhoyo. Ngoko ke makabulawe,