3 kungánikelwa ngenkomo, noba yigusha, okanye ibhokhwe, xa kusenziwa amadini ngomlilo, nokuba lidini elitshiswayo, nokuba lelinye idini elisisifungo, okanye elokuqhutywa yintliziyo, okanye elamathuba emibhiyozo. Amadini anje ke alivumba eliyolileyo kuNdikhoyo.
4 Ke yena umntu owenzela uNdikhoyo idini elinjalo makathathe ikhilogram yomgubo wengqolowa oxutywe nelitha yamafutha omnquma, ukuze ube ngumnikelo wokutya,
5 ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo.
6 Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya,
7 ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo.
8-9 Kanti ke xa kusenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo, noba lidini lesifungo, okanye idini lobudlelwana, inkunzi yenkomo mayihambe neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe neelitha ezimbini zamafutha omnquma, uze ube ngumnikelo wokutya,
10 ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.