31 kuba akalikhathalelanga ilizwi likaNdikhoyo, waza wawaphula umyalelo wakhe ngabom. Xa kunjalo ke woba uzenzakalise ngokwakhe.”
32 Ngamhla uthile amaSirayeli eselapho entlango kwabhaqwa umntu etheza *ngoMhla wokuPhumla.
33 Wabanjwa wasiwa kuMosis noAron nebandla liphela.
34 Waza wakhe wavalelwa, kuba ingekacaci into emayenziwe ngaye.
35 *UNdikhoyo ke wayalela uMosis, wathi: “Makabulawe! Ibandla liphela malimkhuphele ngaphandle komzi, limxulube ngamatye ade afe.”
36 Ngoko ke amaSirayeli ephela amkhuphela ngaphandle, amkhanda ngamatye wada wafa ngokomyalelo kaNdikhoyo.
37 *UNdikhoyo ke wathi uMosis