5 ngokunjalo ngesilwanyana ngasinye aphathe nelitha yewayini ibe ngumnikelo othululwayo.
6 Xa kusenziwa idini ngenkunzi yegusha, mayihambe neekhilogram ezimbini zomgubo wengqolowa oxutywe nelitha enesiqingatha yamafutha omnquma ukwenzela umnikelo wokutya,
7 ngokunjalo nelitha enesiqingatha yewayini engumnikelo othululwayo. Ivumba lamadini anje ke liyolile kuNdikhoyo.
8-9 Kanti ke xa kusenzelwa uNdikhoyo idini elitshiswayo, noba lidini lesifungo, okanye idini lobudlelwana, inkunzi yenkomo mayihambe neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe neelitha ezimbini zamafutha omnquma, uze ube ngumnikelo wokutya,
10 ngokunjalo neelitha ezimbini zewayini, zibe ngumnikelo othululwayo. Eli ke lidini lomlilo elivumba liyolileyo kuNdikhoyo.
11 “Kuya kuqhutywa ngolu hlobo ke, kwinkunzi yenkomo nganye, inkunzi yegusha, noba lixhwane eliliduna legusha okanye elebhokhwe.
12 Maze kwenziwe njalo ngedini ngalinye nokuba mangaphi.