4 UMosis ke uthe akuweva la mazwi, wawa ngamadolo.
5 Waza ke wabhekisa kuKora nabalandeli bakhe, wathi: “Ngomso kusasa uNdikhoyo uza kukhe asibonise ukuba ngubani na kanye umnyulwa wakhe. Lowo ke ungowakhe ncam, lowo amkhethileyo, uya kumsondeza.
6-7 Ngomso kusasa kufuneka wena Kora nabalandeli bakho nithathe imicephe yomlilo, niyifake amalahle avuthayo, nigalele isiqhumiso, niye nayo eqongeni phambi koNdikhoyo. Uya kucaca ke oyena unyuliweyo nguNdikhoyo. Nini kanye baLevi aba bagabadeleyo!”
8 UMosis waqhuba wathi kuKora: “Khanitsho, baLevi,
9 ngaba niyidelile into yokuba uThixo kaSirayeli anibekele bucala kumaSirayeli ephela, ukuze nisondele kuye, nisebenze *esibingelelweni sakhe, nibuse ngenxa yamaSirayeli?
10 Nakuba nina baLevi niphela eninike eli wonga nje, ngoku senitsazele nasebubingelelini?
11 Eneneni nguNdikhoyo lo nimvukeleyo, wena nehlokondiba lakho, engubani yena uAron nide nimkhalazele nje.”