1 *UNdikhoyo wathi kuMosis:
2 “Thetha namaSirayeli, uthathe iintonga zibe lishumi elinambini kwiinkokheli zakwaSirayeli; ibe nye intonga kwindlu nganye. Kwintonga yenkokheli nganye bhala igama layo,
3 uze ubhale igama lika-Aron kwintonga yendlu kaLevi. Ngoko ke inkokheli yendlu nganye yoba nentonga yayo.
4 Zithathe ezo ntonga, uye nazo *esibingelelweni, uzibeke phambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso apho ndidibana khona nani.