2 “Thetha namaSirayeli, uthathe iintonga zibe lishumi elinambini kwiinkokheli zakwaSirayeli; ibe nye intonga kwindlu nganye. Kwintonga yenkokheli nganye bhala igama layo,
3 uze ubhale igama lika-Aron kwintonga yendlu kaLevi. Ngoko ke inkokheli yendlu nganye yoba nentonga yayo.
4 Zithathe ezo ntonga, uye nazo *esibingelelweni, uzibeke phambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso apho ndidibana khona nani.
5 Intonga yendoda endiyinyulileyo iya kuntshula amagqabi. Ngaloo ndlela ke ndiya kuluphelisa uzenge-zenge lwezikhalazo zamaSirayeli ngakuwe.”
6 Ngenene ke uMosis wayalela amaSirayeli ukuba inkokheli nganye imnike intonga; zaza ke zenjenjalo. Inkokheli yendlu nganye yakhupha intonga; zaza ke zaba lishumi elinambini zizonke, neka-Aron ikwalapho.
7 Xa zizonke ezo ntonga ke uMosis wangena nazo esibingelelweni, wazibeka phambi kukaNdikhoyo.
8 Ngengomso ke uMosis akungena esibingelelweni wafumanisa ukuba intonga ka-Aron, emele indlu kaLevi, intshule amagqabi. Ewe, yantshula yanamathupha, yaza yavelisa neentyatyambo ngokunjalo neziqhamo zealmondi!