19 “Yonke iminikelo eyodwa evela kumaSirayeli ndiyipha wena noonyana neentombi zakho zisisabelo senu esisisigxina. Lo ke ngumnqophiso ongasoze uthini endiwenza nawe nesizukulwana sakho.”
20 UNdikhoyo wathetha noAron, wathi: “Ke wena apha kwaSirayeli akuyi kuzuza sabelo sililifa lakho, ungayi kuzuza namhlaba. Kaloku esakho isabelo, ndawonye nelifa, ndim mna Ndikhoyo.”
21 *UNdikhoyo wathi: “Sonke isishumi esivela kumaSirayeli soba yinxaxheba yabaLevi ngenxa yoxanduva lokujonga *isibingelelo.
22 Ke wona amaSirayeli angawambi akufuneki nganto ukuba abe nento ayenzayo esibingelelweni, khon' ukuze angasifumani isohlwayo sokufa.
23 Ngoko ke ukusukela ngoku ngabaLevi kuphela amabajongane nesibingelelo, sibe luxanduva lwabo ngokupheleleyo. Lo mthetho ke uya kuhlala umi nakwizizukulwana ezizayo. AbaLevi abasayi kuze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli,
24 kuba kaloku bona ndibanike isabelo esizizishumi endizinikwa ngamaSirayeli. Kungenxa yaloo nto ke ndisithi nje bona abasoze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli.”
25 *UNdikhoyo wayalela uMosis