21 *UNdikhoyo wathi: “Sonke isishumi esivela kumaSirayeli soba yinxaxheba yabaLevi ngenxa yoxanduva lokujonga *isibingelelo.
22 Ke wona amaSirayeli angawambi akufuneki nganto ukuba abe nento ayenzayo esibingelelweni, khon' ukuze angasifumani isohlwayo sokufa.
23 Ngoko ke ukusukela ngoku ngabaLevi kuphela amabajongane nesibingelelo, sibe luxanduva lwabo ngokupheleleyo. Lo mthetho ke uya kuhlala umi nakwizizukulwana ezizayo. AbaLevi abasayi kuze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli,
24 kuba kaloku bona ndibanike isabelo esizizishumi endizinikwa ngamaSirayeli. Kungenxa yaloo nto ke ndisithi nje bona abasoze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli.”
25 *UNdikhoyo wayalela uMosis
26 ukuba athi kubaLevi: “Xa nisamkela isishumi esinikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo njengesabelo senu, kwalapho kuso khuphani isishumi enisinikela kuNdikhyo.
27 Lo mnikelo ke uya kuba njengomnikelo okhutshwa ngumlimi kwingqolowa newayini yakhe.