3 AbaLevi baya kujongwa nguwe ngokwemisebenzi yabo esibingelelweni, kodwa mabangasondeli nokusondela kwimpahla yegumbi eliyingcwele okanye eqongeni lamadini, kungenjalo baya kufa kunye nani.
4 Umsebenzi wabo baya kuwufezekisa ngokuncedisana nani esibingelelweni, ke yena umntu ongomnye ongenalungelo angaze asebenze nanini esibingelelweni.
5 “Nini emanithwale uxanduva lokulungiselela egumbini eliyingcwele nakwiqonga lamadini, khon' ukuze uNdikhoyo angaphindi awavelele ngomsindo amaSirayeli.
6 Ndim ngokwam ozinyulele abanakwenu abaLevi kumaSirayeli. Basisipho kuni babingeleli, khon' ukuze benze imisebenzi esibingelelweni.
7 Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”
8 *UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.
9 Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho.