7 Nguwe noonyana bakho kuphela abanoxanduva lokulungiselela mayela neqonga lamadini ndawonye negumbi eliyingcwele kangcwele. Lo msebenzi wenu wobubingeleli sisipho enisinikwa ndim. Nabani na othe wasondela kwizinto ezingcwele engenalungelo wobulawa.”
8 *UNdikhoyo wathi kuAron: “Iminikelo eyenzelwa mna yolawulwa nguwe; yonke iminikelo eyenziwe ngamaSirayeli kum ndiyinika wena noonyana bakho ibe yinxaxheba nesabelo senu esisisigxina.
9 Inxaxheba yeminikelo engayi kutshiswa eqongeni yeyenu – nditsho yonke iminikelo eyodwa, nokuba yeyokutya, okanye yeyentlambululo, okanye yeyembuyekezo. Loo nxaxheba yeyakho noonyana bakho.
10 Ezi zinto ze niqonde ukuba zingcwele, nizityele endaweni engcwele, zityiwe ngamadoda kuphela.
11 “Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.
12-13 “Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.
14 “Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho.