2 wabanika le miyalelo, wathi: “Ngokommiselo kaNdikhoyo amaSirayeli makeze nethokazi lenkomo elibomvu, elingenasiphako, elingazange libotshwe,
3 alinikezele kuElazare umbingeleli. Lothathwa ke likhutshelwe ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho loxhelelwa khona ekho.
4 UElazare ke uya kuthi nkxu umnwe egazini apho, aze atshize kasixhenxe ejongise kwisango lesibingelelo.
5 Xa iyonke ke loo nkomo, ufele nenyama, igazi namathumbu, mazitshiswe apho phambi kombingeleli ejongile njalo.
6 Ke yena uya kuthatha ukhuni lomsedare, ihlamvu lehisopu, nomtya obomvu, aziphose phezu kwelo thokazi litshiswayo.
7 Kamva ke makahlambe iimpahla zakhe, ngokunjalo nomzimba, aze ke abe nokubuyela emzini. Kambe ke uya kuhlala engekahlambuluki kude kuhlwe.
8 Naloo mntu ubetshisa le nkomo kufuneka ahlambe iimpahla nomzimba, kodwa naye akayi kuhlambuluka de kube ngorhatya.