15 Kaloku ookhokho bethu bafudukela eJiputa, apho sahlala khona iminyaka ngeminyaka. AmaJiputa ke abaphatha kakubi ndawonye nathi.
16 Sasuka ke sazibika *kuNdikhoyo, waza ke yena wasabela, wathumela isithunywa sakhe, wasikhupha eJiputa. Ngoku ke naku silapha eKadeshe, idolophu esemideni yakho.
17 Sicela ukuba usivumele sinqumle kulo mhlaba wakho. Siyathembisa ukuba thina nemfuyo yethu siya kuhamba ngqo ngendlela, singaphambukeli emasimini nakwizidiliya zakho, singayi kukhe sisele nakumaqula akho. Ewe, siya kuthi ngqo ngohola, singaphambuki side siphume emhlabeni wakho.’ ”
18 Ke wona amaEdom aphendula athi: “Unotshe! Akuyi kucanda apha. Ukungena oku kwakho ndiya kuphuma ndikuhlasele.”
19 AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”
20 AmaEdom athi: “Anizukunqumla!” Aza ke amaEdom asuka nomkhosi omkhulu, afunza kumaSirayeli.
21 Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.