18 Ke wona amaEdom aphendula athi: “Unotshe! Akuyi kucanda apha. Ukungena oku kwakho ndiya kuphuma ndikuhlasele.”
19 AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”
20 AmaEdom athi: “Anizukunqumla!” Aza ke amaEdom asuka nomkhosi omkhulu, afunza kumaSirayeli.
21 Ke kaloku amaSirayeli ajika athatha ndlela yimbi, kuba amaEdom ewalela ukuba anqumle emhlabeni wawo.
22 USirayeli ephela wanduluka ke eKadeshe, waza waya kugaleleka kwintaba iHore
23 kufutshane nomda wase-Edom. Apho ke *uNdikhoyo wathetha noMosis noAron, wathi:
24 “Wena Aron, uza kufa; akuzi kuya kufika kwelo lizwe ndamthembisa ngalo uSirayeli. Kaloku nina nobabini nawuvukela umthetho wam eMeribha.