5 Kakade, kwakutheni ukuze nisikhuphe eJiputa, nize kusifaka kwenje yona indawo, emhlaba ungavelisi nento le? Akukho ngqolowa namakhiwane, kungekho diliya narharnati; ke wona amanzi tu!”
6 UMosis noAron balishiya ibandla, baya kuma esangweni lesibingelelo. Baguqa phantsi, baza ke babubona ubungangamsha bukaNdikhoyo.
7 UNdikhoyo wathi kuMosis:
8 “Thatha intonga ephambi kwetyesi yomnqophiso, uze wena nomntakwenu uAron nilihlanganise ibandla, uze ke uthethe neliwa bejongile. Kothi kumpompoze amanzi kulo, baze abantu nemfuyo yabo basele.”
9 Ke uMosis wayithatha intonga leyo esibingelelweni ngokomyalelo kaNdikhoyo.
10 Yena noAron bawaqokelela onke amaSirayeli apho phambi kweliwa, waza wathi uMosis: “Phulaphulani, nina baqhankqalazi! Ngaba nifuna sikhuphe amanzi kweli liwa?”
11 UMosis wayiphakamsa intonga, walibetha kabini iliwa elo, kwaza ke kwampompoza amanzi, abantu ndawonye nemfuyo basela.