12 UThixo wathi kuBhalam: “Uze ungahambi nala madoda; uze ungabaqalekisi abo bantu, kuba bathamsanqelekile.”
13 Ngengomso ke uBhalam wabandulula abathunywa bakaBhalaki, wathi: “Buyelani ezweni lenu, kuba uNdikhoyo akavumi ukuba ndihambe nani.”
14 Ngoko ke bagoduka, bafika bamxelela uBhalaki ukuba uBhalam walile ukuhamba nabo.
15 Ngoku ke uBhalaki waphinda wathumela iqela leenkokheli ezaziwayo elikhulu kuneliya.
16 Zaya kuBhalam, zafika zathi: “UBhalaki unyana kaZipore uthi mawuncede uye kuye, ungavumeli nasiphi na isithintelo,
17 kuba uza kukuhlawula, waye uzimisele ukukwenzela nayiphi na into oyifunayo. Ngoko ke nceda uye kuqalekisa abaya bantu.”
18 Kambe ke uBhalam waphendula wathi: “Noba uBhalaki ubeza kundinika ibhotwe lakhe lizele yigolide nesiliva bendingeze ndawaphula umyalelo kaNdikhoyo uThixo wam.