37 UBhalaki wambuza wathi: “Kwakutheni ukuze ungezi ngokuya ndandikuthumele kuqala? Ngaba wawukrokrela ukuba sobe ndibe nako ukukuhlawula?”
38 UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.”
39 Ngoko ke uBhalam wahamba noBhalaki, baya eKiriyati-huzoti.
40 UBhalaki waxhela iinkabi zeenkomo ndawonye neegusha, wamkela uBhalam nezo nkokheli wayehamba nazo.
41 Ngengomso ke uBhalaki wamthatha uBhalam, wamsa eBhamoti-bhali, apho wayeza kuba nako ukubona inxalenye yamaSirayeli.