10 Izizukulwana zikaYakobi yintlaninge njengentlabathi.Ngubani ke ongamcukucezayo ambale uSirayeli?Hayi bo! Masendisifa ukufa kwelungisa.Ewe, isiphelo sam masibe njengesabakhe.”
11 UBhalaki wabuza uBhalam wathi: “Yintoni le undenza yona? Ndingakuzisa apha ukuba uqalekise iintshaba zam, uze usuke wena uzithamsanqele!”
12 Waphendula ke yena wathi: “Mandingakuthethi oko ndikuxelelwe nguNdikhoyo?”
13 Ke kaloku uBhalaki wathi kuBhalam: “Hamba siye kwenye indawo apho unokubona inxalenye yamaSirayeli kuphela, uze ke uthi ulapho uwaqalekise.”
14 Waya naye kwintsimi kaZofim phezu kwentaba iPisga. Nalapho ke wenza amaqonga asixhenxe, waza wanikela ngenkunzi yenkomo neyegusha kwiqonga ngalinye.
15 UBhalam wathi kuBhalaki: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiye kuhlangana naye qelele.”
16 *UNdikhoyo ke wadibana noBhalam, wathi: “Buyela kuBhalaki, uthethe naye wenjenje.”