3 UBhalam ke washiya uBhalaki kuloo ndawo, wathi kuye: “Yima ngakweli dini litshiswayo, ngeli lixa mna ndiza kukhe ndithi gu. Mhlawumbi *uNdikhoyo uza kudibana nam. Ndiya kukwazisa nasiphi na isityhilelo andinika sona.” Wahamba ke, wenyuka inkqantosi yenduli.
4 UThixo ke wadibana naye, uBhalam wathi: “Ndakhe amaqonga asixhenxe; kulo ngalinye ndenze idini ngenkunzi yenkomo neyegusha.”
5 UNdikhoyo ke waxelela uBhalam oko makakuthethe, wathi: “Buyela kuBhalaki, umazise oku.”
6 Ekubuyeni kwakhe ke wamfumana uBhalaki esemi apho ngakwidini elitshiswayo, enezo nkokheli zamaMowabhi.
7 UBhalam ke wathetha la mazwi andilisekileyo, wenjenje:“Ukumkani uBhalaki wamaMowabhi undisuse kwelama-Aram;undiphuthume kwiintaba ezisempumalanga.Uthe: ‘Yiza ushwabulele uYakobi egameni lam.Yiza kaloku, umqalekise uSirayeli.’
8 Xa bendingubani ke mna ukuba ndiqalekise ongaqalekiswanga nguThixo,ndambathise ngeshwangusha ongashwatyulelwanga nguNdikhoyo?
9 Kaloku nanko ndimbona ndisencochoyini yeentaba;nanko ndimbukele ndiphezu kweenduli.Ewe, luhlanga olungumth' uzimele;lona aluzibandakanyi nezinye izizwe.