12 UBhalam waphendula wathi: “Abathunywa bakho ndandibaxelele
13 ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe.
14 Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”
15 Wathetha ke kwavokotheka uBhalam, wathi:“Nal' udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore,amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo,
16 izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke,othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.
17 Ewe, ndiyambona; nankuya phambili phaya.Ndiyamalama, umgama, phambili qelele.Ndibon' inkwenkwez' iphuma kwaYakobi;ndiwujongile umsimbithi usithi thaphu kwaSirayeli.Uya kuzintlekez' iinkokheli zikaMowabhi,abafohloz' oonyana bakaSeti.
18 Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.