18 Uya kuzivuthulula iintshaba zakhe kwaEdom;ewe, iSeyire ibe yeyakhe,abe ke yena uSirayeli ekhula ngokomelela.
19 Kothi qhaphu umlawuli kwaYakobi,abasindileyo e-Edom abatshayele kuthi nya.”
20 UBhalam wabona nama-Amaleki, waza wathetha kwavokotheka wathi:“UAmaleki fudula elelona hlanga lomeleleyo,kambe ke ekugqibeleni uya kutshabalala kuthi tu!”
21 Kwangokunjalo wabona amaKeni, waza wathetha kwavokotheka wathi:“Ikhaya lakho ngumankankela wenqaba,ngathi yindlwana ekwiimfanta zeenkelekethe zamawa.
22 Kambe ke, nani maKeni, niya kutshabalala,akugaleleka uAsiriya anithimbe.”
23 UBhalam waqhuba wathetha kwavokotheka wenjenje:“Yaz'ba ngoobani abanokuphila engafuni uThixo?
24 Abahlaseli bovela ngaseKiti, behamba ngezikhephe.Baya kumtshabalalisa uAsiriya noHebhere.Kambe nabo ngokwabo baya kutshabalala naphakade.”