7 Kuwo imvula iya kuhlala ingunogumbe,imbewu ayityale kumhlaba otofo-tofo.Ukumkani wawo woba mkhulu kunoAgagi,ulawulo lwakhe lubalasele ngodumo.
8 UThixo wawakhupha eJiputa,iimpondo zakhe zibaze okwenyathi.Iintshaba zawo azithi nqwam-nqwam,amathambo azo awacole.Ke lona utolo lwawo luyahlabanisela.
9 Luhlanga olubuthuma njengengonyama;lunjengemaz' engonyama, lungavuswa ngubani?Uthamsanqelekile osikelela uSirayeli!Hay' ishwangusha kulowo umqalekisayo!”
10 Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela!
11 Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”
12 UBhalam waphendula wathi: “Abathunywa bakho ndandibaxelele
13 ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe.