2 “Libaleni ibandla lamaSirayeli liphela ngokwezindlu, nibale amadoda ukususela kubudala obuyiminyaka emashumi mabini ukunyuka, lawo afanelekileyo ukungena emkhosini.”
3-4 Ngenene ke bawuthobela loo myalelo, bawaqokelela onke amadoda ayiloo ntanga. Ke kaloku ahlanganisana kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.Lawo ke yayingamaSirayeli awayevela eJiputa:
5 Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu,
6 amaHezeron, namaKarmi.
7 Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu.
8 Inzala kaPalu yayinguEliyabhi
9 noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo.