5 Indlu kaRubhen (uRhubhen ke wayeyinkulu kaSirayeli); imizi yayo: amaHanoki, amaPalu,
6 amaHezeron, namaKarmi.
7 Inani lamadoda ale mizi ke yayingamashumi amane anesithathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, namashumi amathathu.
8 Inzala kaPalu yayinguEliyabhi
9 noonyana bakhe uNemuweli, uDatan, noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ke ngabaya babenyulwe ngamaSirayeli. Bamvukela uMosis noAron, baza bazibandakanya nehlokondiba likaKora ngexesha ababevukela *uNdikhoyo.
10 Kaloku umhlaba wavuleka wabaginya, baza bafa kunye noKora nabalandeli bakhe abatshatyalaliswa ngumlilo bengamakhulu amabini namashumi amahlanu amadoda. Ke bona baba sisilumkiso kumaSirayeli.
11 Kambe umlibo kaKora zange uphele.