57 Nalu uludwe lwemizi yakwaLevi: amaGershon, amaKohati, namaMerari.
58 Kwinzala yayo kukho nale mizi: amaLibheni, amaHebron, amaMali, amaMushi, namaKora. UKohati nguyise ka-Amram
59 owathatha umLevikazi uJokobhedi owazalelwa eJiputa. Ke yena wazalela uAmram oonyana ababini, uAron noMosis, nentombi uMiriyam.
60 UAron wayenoonyana abane, uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare.
61 UNadabhi noAbhihu ke bona bafa ngokwenzela uNdikhoyo umlilo ongafanelekanga.
62 Ke bona abaLevi abangamadoda ababudala buyinyanga nangaphezulu baba ngamashumi amabini anantathu amawaka. Phofu ke bona baba noludwe lwabo bodwa, kuba zange banikwe mhlaba kwaSirayeli.
63 Le ke yimizi eyadweliswa nguMosis noElazare xa babesenza ubalo lwamaSirayeli kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.