14 Kaloku nobabini nawuvukela umyalelo wam kwintlango iZin. Wathi uSirayeli akundikhalazela ngenxa yemeko yamanzi eMeribha nina nala ukusiphuhlisa isihomo samandla am phambi kwakhe.” (IMeribha ke ngumthombo oseKadeshe kwintlango iZin.)
15 Ke kaloku uMosis wathetha wenjenje:
16 “Ndikhoyo, Thixo wam, wena mthombo wobomi, nceda utyumbe indoda eya kulikhokela ibandla lakho,
17 enako ukungena iphuma ilikhokela, khon' ukuze usapho lwakho lungafani neegusha ezingenamalusi.”
18 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha uYoshuwa unyana kaNune, oyindoda endiyixhobise ngoMoya wam, ummisele ngokumbeka izandla.
19 Biza uSirayeli ephela, nombingeleli uElazare, uze uYoshuwa ummisele angene ezihlangwini zakho apho phambi kwabo.
20 Mahlulele amagunya akho, khon' ukuze ibandla lonke limthobele.