1 *UNdikhoyo wathi uMosis
2 makayalele amaSirayeli athi: “Ngamathuba amisiweyo ndinikeni amadini akukutya okunikelwa kum ngomlilo, idini elivumba limnandi.
3 “Nanga ke loo madini okutya kufuneka anikelwe ngomlilo kuNdikhoyo: amadini atshiswayo emihla ngemihla, isibini samaxhwane angamaduna angenasiphako.
4 Elokuqala malinikelwe kusasa, lize elesibini linikelwe ngorhatya.
5 Ixhwane ngalinye ke malihambe nomnikelo weenkozo ongumgubo wengqolowa obunzima buyikhilogram enye, udityaniswe nelitha yamafutha omnquma acwengileyo.