7 AbaLevi mabasebenze *esibingelelweni, bancedise ababingeleli, bamele ibandla lamaSirayeli liphela.
8 Mabajongane nazo zonke izixhobo ezisetyenziswa esibingelelweni, wonke umsebenzi bewenzela amaSirayeli ephela.
9 Kuphela umsebenzi wabaLevi kukuba ngabaququzeleli baka-Aron noonyana bakhe.
10 UAron noonyana bakhe bamisele basebenze ezobubingeleli; nabani na ke ongomnye ophatha impahla yesibingelelo uya kubulawa.”
11 UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi:
12-13 “Ngoku abakwaLevi ndibathathile; ngabam. Ekuwabulaleni kwam amazibulo amaJiputa ndazibekela bucala izibulo ngalinye lamaSirayeli ndawonye nawemfuyo yawo. Ngoku ke, endaweni yamazibulo amaSirayeli, ndibanga abakwaLevi; ngabam nqo. NdinguNdikhoyo kaloku.”
14 Kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathi kuMosis: