1 Iinkulu zezindlu zikaSirayeli uMosis wazinika le mimiselo *kaNdikhoyo ilandelayo, wathi:
2 “Indoda xa ithe yenza isibhambathiso kuNdikhoyo, okanye xa ithe yenza isifungo sokuzibophelela, mayingasaphuli eso sifungo, koko mayikufezekise konke ekuthembisileyo.
3 “Ukuba intombi engekendi ithembisa ukunika uNdikhoyo into, okanye yafungela ukuzila into ethile,
4 mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa.
5 Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.
6 “Kambe ukuba intombi yenze isithembiso, iqonda okanye ingaqondi, mhlawumbi yafungela ukuzila into ethile, yaza ke kamva yenda,
7 ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile.