4 mayenze ngokwesifungo nesithembiso sayo, ngaphandle kokuba uyise uthe akuyiva loo nto, wayichasa.
5 Kodwa ke xa athe akuva ngale nyewe uyise, wala ukuba isifezekise eso sithembiso, ayisabophelelekanga kuso. UNdikhoyo uya kuyixolela, kuba yalelwe nguyise ukuba mayisifezekise.
6 “Kambe ukuba intombi yenze isithembiso, iqonda okanye ingaqondi, mhlawumbi yafungela ukuzila into ethile, yaza ke kamva yenda,
7 ke yena wathi akusiva umyeni wayo akathetha nto, isifungo eso okanye isithembiso sohlala siyibophile.
8 Kodwa ke ukuba ithe yakuva ngesi sifungo indoda yayo yasichasa eso sifungo okanye isithembiso, siya kuba sitshitshile; futhi ke xa kunjalo noNdikhoyo uya kuyixolela.
9 “Ke yena umhlolokazi okanye umfazi owahlukene nendoda yakhe, xa ethe wenza isithembiso okanye isifungo, uya kunyanzeleka ukuba asifezekise.
10 “Ke ukuba umfazi owendileyo wenze isithembiso okanye isifungo,