12 bakusa kuMosis noElazare noSirayeli ephela. Bona ke babemise kumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko.
13 UMosis, noElazare, neenkulu zezindlu zamaSirayeli, baphuma baya kuhlangabeza umkhosi.
14 UMosis wakhathazeka sisenzo sabaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela awayevela emfazweni.
15 Wabuza wathi: “Ngani ukuba ningababulali aba bafazi?
16 Senilibele ngoku ukuba yayingabafazi abâlandela icebo likaBhalam, baza bawawexula amaSirayeli, amvukela *uNdikhoyo ePehore? Kaloku nantso into eyehlisela abantu bakaNdikhoyo ngobhubhani.
17 Ngoko ke wabulaleni onke amakhwenkwe ngokunjalo nabafazi.
18 Ke wona amantombazana kunye neentombi zigcineleni.