33 amashumi asixhenxe anambini amawaka eenkomo;
34 amashumi amathandathu ananye amawaka eedonki;
35 namashumi amathathu anambini amawaka amantombazana kunye neentombi.
36 Ke isahlulo samajoni saba ngamakhulu amathathu namashumi amathathu anesixhenxe samawaka namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;
37 waza ke umrhumo kaNdikhoyo wangamakhulu amathandathu anamashumi asixhenxe anantlanu.
38 Zona iinkomo zangamashumi amathathu anesithandathu amawaka; aza ke amashumi asixhenxe anambini aba ngumrhumo kaNdikhoyo.
39 Iidonki ke zona zazingamashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu; waza ke wona umrhumo kaNdikhoyo waba ngamashumi amathandathu ananye.