43 amakhulu amathathu anamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, namakhulu amahlanu eegusha neebhokhwe;
44 amashumi amathathu anesithandathu amawaka eenkomo;
45 amashumi amathathu amawaka namakhulu amahlanu eedonki;
46 kunye neshumi elinesithandathu lamawaka eentombi namantombazana.
47 Kwesi sahlulo ke uMosis wathatha lalinye kumashumi amahlanu amabanjwa, ngokunjalo nakwimfuyo, wanika abaLevi ababesalusa isibingelelo ngokwelizwi likaNdikhoyo.
48 Ke kaloku abaphathi neengqwayi-ngqwayi zamabutho namaqela omkhosi baya kuxelela uMosis,
49 bathi: “Mhlekazi, siwabalile amajoni ebesiphume nawo; akukho nalinye elingekhoyo.