17 Sizimisele ukuxhoba siwakhokele amawethu emadabini, siwancedise ade awume loo mhlaba uza kuba ngowawo. Ke zona iintsapho zethu siya kuzishiya zihleli kwiidolophu ezinqatyisiweyo, zingabi nakuchukunyiswa ngabantu beli lizwe.
18 Thina ke soze sibuye ngaphandle kokuba ade onke amaSirayeli asifumane isabelo sawo kwelo lizwe.
19 Ngokunjalo ke thina soze sifumane sabelo samhlaba phaya phesheya kweJordan, kuba kaloku esethu nasi ngeneno empuma yeJordan.”
20 UMosis waphendula wathi: “Xa kunjalo ke, zilungiseleleni apha phambi kukaNdikhoyo, nizimisele ukuya edabini.
21 Onke amajoni enu kufuneka awele iJordan ekhokelwe nguNdikhoyo, azihlasele iintshaba zakhe ade azoyise, uNdikhoyo
22 awohluthe umhlaba wazo. Emva koko ke noba nako ukubuya; kaloku noba nimanelisile uNdikhoyo ndawonye namawenu. Ke wona lo mhlaba woba sisabelo senu enisinikwe nguNdikhoyo.
23 Kambe ke ukuba anisifezekisanga esi sithembiso, ze nazi ukuba nimonile uNdikhoyo, ibe ke sona isono senu siya kuba yinto kuni.