20 UMosis waphendula wathi: “Xa kunjalo ke, zilungiseleleni apha phambi kukaNdikhoyo, nizimisele ukuya edabini.
21 Onke amajoni enu kufuneka awele iJordan ekhokelwe nguNdikhoyo, azihlasele iintshaba zakhe ade azoyise, uNdikhoyo
22 awohluthe umhlaba wazo. Emva koko ke noba nako ukubuya; kaloku noba nimanelisile uNdikhoyo ndawonye namawenu. Ke wona lo mhlaba woba sisabelo senu enisinikwe nguNdikhoyo.
23 Kambe ke ukuba anisifezekisanga esi sithembiso, ze nazi ukuba nimonile uNdikhoyo, ibe ke sona isono senu siya kuba yinto kuni.
24 Ngoko ke yakhelani iintsapho zenu iidolophu, nakhele nemfuyo yenu iintlanti, kambe nisifezekise isithembiso senu.”
25 Ke kaloku amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Izicaka zakho ziya kwenza ngokwelizwi lakho, mhlekazi.
26 Iintsapho zethu neenkomo neegusha zona ziya kusala apha kwezi dolophu zaseGiliyadi.