29 wathi: “Ukuba amaGadi namaRubhen ayiwelile iJordan, aza alwa kumkhosi kaNdikhoyo, naza ke noyisa nalithimba elo lizwe, ke wona ze niwanike umhlaba waseGiliyadi, ibe sisabelo sawo.
30 Kambe ke ukuba akayiwelanga iJordan aya kulwa kunye nani, isabelo sawo osifumana kwelaseKanana kunye nani.”
31 Ke wona amaGadi namaRubhen aphendula athi: “Ewe, siya kwenza njengoko athethileyo uNdikhoyo.
32 Siya kuwela siye kwilizwe laseKanana, silwe siphantsi kwakhe, ukuze singaphulukani nesabelo sethu apha kwimpuma yeJordan.”
33 Ngoko ke uMosis wabela amaGadi, amaRubhen, nenxalenye yabakwaManase, wonke ummandla kakumkani uSihon wama-Amori, ndawonye nokakumkani uOgi waseBhashan, ngokunjalo needolophu namaphandle awujikelezileyo.
34 AmaGadi abuya azakha iidolophu ezinqatyisiweyo zaseDibhon, iAtaroti, iArohere,
35 iAteroti-shofan, iJazere, iJogebheha,