1 Le yimbali echaza ngeendawo awathi emisa kuzo ngokwezindlu zawo amaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa ekhokelwa nguMosis noAron.
2 Ngokuyalelwa *nguNdikhoyo ke uMosis wawabhala amagama eendawo abathi bemisa kuzo.
3 AmaSirayeli anduluka eJiputa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yokuqala enyakeni, kusuku olulandela *iPasika, aphuma engafihlakalanga eRamesi, ekhokelwa nguNdikhoyo, ebonwa ngamaJiputa
4 awayexakeke kukungcwaba oonyana bawo abangamazibulo ababebulewe nguNdikhoyo. Ngesi senzo ke uNdikhoyo wazicacisa ukuba ungumakhonya *nakoothixo bamaJiputa.
5 Ukunduluka kwawo eRamesi amaSirayeli aya kumisa eSukoti;
6 aza ukuphuma kwawo apho emisa e-Etam ekungeneni kwentlango.
7 Ukusuka kwawo ke apho aphindela ePi-hahiroti kwimpuma yeBhali-zefon, aza emisa ngaseMigdoli.