41-49 Ukuphuma kwintaba iHore, ukuya kumathafa aseMowabhi amaSirayeli emisa kwezi ndawo zilandelayo: eZalmona, ePunon, eObhoti, eIye-abharim emdeni womhlaba waseMowabhi, eDibhon yakwaGadi, eAlmon-diblatayim, kwintaba iAbharim, ngakwintaba iNebho, nakumathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko phakathi kweBhete-yeshimoti neentili zeShitim.
50 Ke kaloku kwathi xa alapho kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko, *uNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo,
51 wathi makayigqithisele kumaSirayeli, wathi: “Nakuyiwela iJordan, ningene kwelaseKanana,
52 ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo.
53 Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim.
54 Loo mhlaba wabo ze niwahlula-hlulele izindlu nemizi yenu *ngamaqashiso; imizi leyo ke ze niyabele ngokobubanzi bayo.
55 Kambe ke ukuba anibagxothanga bonke abemi balo, abo baseleyo boba yinkathazo njengeliso eliphandliweyo kuni, okanye kufane nokuba nihlatywe ngameva; ewe, bojika banilwe.