16 *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:
17 “Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.
18 Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.
19-28 Nanga ke amagama eenkokheli ezo: Indlu Inkokheli KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon KwaDan uBhuki unyana kaJogeli KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”
29 Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.