12 Xa elapho ke woba usindile kwimpindezelo yesizalwana sikamfi. Umntu otyholwa ngokubulala omnye akufuneki abulawe lingakhange lithethwe enkundleni ityala lakhe.
13 Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,
14 zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.
15 Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.
16-18 “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.
19 Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.
20 “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,