13 Khethani iidolophu zokuphephela zibe ntandathu,
14 zibe ntathu ngaphesheya empuma yomlambo iJordan, zibe kwantathu nganeno kwelaseKanana.
15 Ezi dolophu zoba yindawo yokubalekela kumaSirayeli, kanti nakwiintlanga ezingabangeneleli okanye abemi. Nabani na ke obulele umntu ngengozi woba nokubalekela kwenye yazo.
16-18 “Kambe ke yena umntu obulele omnye esebenzisa isixhobo esiyintsimbi, ilitye, okanye umthi, woba netyala lokubulala, isigwebo sakhe ibe kukubulawa.
19 Uxanduva lokubulala isigwinta eso loba phezu kwesizalwana esingumphindezeli. Apho sisifumene khona masisibulale eso sigwinta.
20 “Ukuba umntu unomntu amzondayo waza wambulala ngokumeyelisela, ukumgibisela ngento, okanye ukumlalela,
21 noba kukumbetha ngamanqindi, loo mntu unetyala lokubulala, makabulawe. Uxaduva lokubulala eso sigwinta loba kwisizalwana esingumphindezeli womfi lowo; ngoko ke masisibulale apho sisifumene khona.